27. Weza ke umthetheli-waka wathi kuye, Ndixelele, ungumRoma na?
28. Wathi ke yena, Ewe. Waphendula umthetheli-waka wathi, Mna ukungeniswa kwam kulo mzi waseRoma, ndakuzuza ngenani elikhulu. Wathi ke uPawulos. Ke mna ndizelwe ndínako.
29. Basuka kuye kwaoko ngoko abo babeza kumncina; woyika ke nomthetheli-waka akuqonda ukuba ungumRoma, nangenxa yokuba ebembophile.
30. Ke kaloku ngengomso, enga angayazi inyaniso yento amangalelwe ngayo ngamaYuda, wamkhulula ezintanjeni, wathi, mabeze ababingeleli abakhulu, nayo yonke intlanganiso yabo yamatyala; waza wamhlisa uPawulos, wammisa phakathi kwabo.