Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 22:14-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Wathi ke yena, UThixo woobawo bethu ukumisile wena ukuba ukwazi ukuthanda kwakhe, umbone lowo uliLungisa, uve ilizwi eliphuma emlonyeni wakhe;

15. ngokuba ùya kuba lingqina lakhe kubo bonke abantu, lezinto ozibonileyo nozivileyo.

16. Nakaloku ùsalibele yini na? Suk' ume, ubhaptizwe, uhlambulule izono zakho, unqula igama leNkosi.

17. Ke kaloku kwathi, ndakuba ndibuyele eYerusalem, ndakubon' ukuba ndiyathandaza etempileni, ndaba sethongweni;

18. ndayibona isithi kum, Ngxama, uphume kamsinya eYerusalem; ngokokuba bengayi kubamkela ubungqina bakho ngam.

19. Ndathi mna, Nkosi, bayazi kakuhle bona ukuba mna ndandibafaka entolongweni, ndibatyabula kuzo zonke izindlu zesikhungu abo bakholwayo kuwe;

20. naxeshikweni laphalazwayo igazi likaStefano, ingqina lakho, ndaye ndimi kufuphi nam, ndikuthakazela ukusikwa kwakhe, ndizigcinile iingubo zabo babemsika.

21. Yathi kum, Hamba; ngokuba mna ndiya kukuthuma kude kwiintlanga.

22. Bamphulaphula ke, wada wafika kwelo lizwi, baza baphakamisa izwi labo besithi, Msuseni emhlabeni umntu onje; kuba akufanelekile ukuba adle ubomi.

23. Ke kaloku, bakubon' ukuba bayankqangaza, belahla iingubo zabo, bephosa uthuli esibhakabhakeni,

24. wathi umthetheli-waka, makangeniswe enqabeni yomkhosi; wathi makancinwe ngekatsi, ukuze azi ukuba kungathuba lini na ukuba benjenje ukunkqangaza ngaye.

25. Ke kaloku, xa bamolulayo ngeentambo, wathi uPawulos kumthethelikhulu obemi khona, Kuvumelekile na, ukuba nimtyakatye umntu ongumRoma, engagwetywanga nokugwetywa?

26. Evile ke umthetheli-khulu, waya wabika kumthetheli-waka, esithi, Yilumkele into oza kuyenza; kuba lo mntu ungumRoma.

27. Weza ke umthetheli-waka wathi kuye, Ndixelele, ungumRoma na?

funda isahluko epheleleyo Izenzo 22