Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 22:12-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Ke kaloku, Hananiya uthile, indoda emhlonelayo uThixo ngokomthetho, engqinelwe kakuhle ngawo onke amaYuda amiyo khona,

13. weza kum, wema kufuphi, wathi kum, Sawule, mzalwana, buya ubone. Ndaza mna kwangelo lixa ndabheka phezulu kuye.

14. Wathi ke yena, UThixo woobawo bethu ukumisile wena ukuba ukwazi ukuthanda kwakhe, umbone lowo uliLungisa, uve ilizwi eliphuma emlonyeni wakhe;

15. ngokuba ùya kuba lingqina lakhe kubo bonke abantu, lezinto ozibonileyo nozivileyo.

16. Nakaloku ùsalibele yini na? Suk' ume, ubhaptizwe, uhlambulule izono zakho, unqula igama leNkosi.

17. Ke kaloku kwathi, ndakuba ndibuyele eYerusalem, ndakubon' ukuba ndiyathandaza etempileni, ndaba sethongweni;

18. ndayibona isithi kum, Ngxama, uphume kamsinya eYerusalem; ngokokuba bengayi kubamkela ubungqina bakho ngam.

19. Ndathi mna, Nkosi, bayazi kakuhle bona ukuba mna ndandibafaka entolongweni, ndibatyabula kuzo zonke izindlu zesikhungu abo bakholwayo kuwe;

funda isahluko epheleleyo Izenzo 22