1. Madoda, bazalwana, nani bobawo, kuphulaphuleni ukuziphendulela kwam kuni ngoku.
2. Bakuva ke ukuba udanduluka ngentetho yesiHebhere kubo, bazola okunye. Waza wathi:
3. Mna ndiyindoda engumYuda; ndizalelwe okunene eTarso yelaseKiliki, kodwa ndondlelwe kulo mzi ezinyaweni zikaGamaliyeli; ndiqeqeshwe ngohlobo olucokisekileyo lomthetho woobawo, ndizondelela uThixo, njengokuba ninjalo nani nonke namhlanje.
4. Ndingowayitshutshisayo yona le Ndlela, ndada ndesa ekufeni, ndibopha, ndifaka ezintolongweni amadoda kwanabafazi;
5. njengokuba nombingeleli omkhulu endingqinela, nayo yonke intlanganiso yamadoda amakhulu; endamkela kubo iincwadi zokuya kubazalwana, ndahambela eDamasko, ndiya kuzisa nababekhona bebotshiwe eYerusalem, ukuze babethwe.