Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 21:23-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Ngoko yenza le nto sikuxelela yona: kukho kuthi apha amadoda amané, anesibambiso azibophe ngaso;

24. wathabathe ke, uzenze nyulu kunye nawo, ube nokudleka ngenxa yawo, ukuze agugule iintloko; bazi bonke ukuba ezo nto bazityelweyo ngawe azilutho, nawe ngokwakho uhambe uwugcinile umthetho.

25. Kodwa ngazo iintlanga ezikholiweyo, sabhala sagqiba kwelokuba zingabambi nto injalo; kuphela ibe kukuzigcina entweni ebingelelwe izithixo, nasegazini, nasentweni ekrwitshiweyo, nasembulweni.

26. Wandula uPawulos wawathabatha ke amadoda lawo, wathi ngengomso, ezenze nyulu kunye nawo, wangena etempileni, eqondisisa inzaliseko yeentsuku zokwenza nyulu, ude usondezwe umnikelo ngenxa yabo bonke ngabanye.

27. Ke kaloku, xa iintsuku ezisixhenxe ezo beziza kuphela, athi amaYuda avela kwelaseAsiya, akumbona etempileni, asidubaduba sonke isihlwele, amsa izandla, enkqangaza esithi,

28. Madoda, maSirayeli, sizani. Nanku lo mntu ufundisa bonke ezindaweni zonke okuchasene nabantu, nomthetho, nale ndawo; othe ngaphezu koko wawangenisa amaGrike etempileni, wayenza inqambi le ndawo ingcwele.

29. Kuba abebone ngeenxa engaphambili uTrofimo wase-Efese, ndawonye naye phakathi komzi; abeba uPawulos umngenise etempileni.

30. Washukuma umzi uphela, babalekela ndawonye abantu; bamthabatha uPawulos, bamrholela ngaphandle kwetempile; zavalwa kwaoko iingcango.

31. Ke kaloku, xa babeza kumbulala, lwafika udaba kumthetheli-waka webutho, lokuba iYerusalem iphela idubadubekile;

32. owathi kwangelo lixa wathabatha amasoldati nabathetheli-khulu, wabaleka, wehla waya kubo. Bakumbona ke umthetheli-waka namasoldati, bayeka ukumbetha uPawulos.

33. Waza wasondela umthetheli-waka, wambamba, wathi makakhonkxwe ngemixokelelwane emibini; wayebuza ukuba angaba ungubani na, nokuthi wenze ntoni na.

34. Abanye ke phakathi kwesihlwele babhomboloza enye into, abanye enye. Akuba engenako ke ukuyazi inyaniso ngenxa yesiphithiphithi, wathi makasiwe enqabeni yomkhosi.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 21