Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 21:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku kwathi, sakunduluka ngomkhombe, siziqhawule kubo, see ngqo seza eKos; ngomhla olandelayo ke seza eRodo, sesuka apho seza ePatara.

2. Sathi, sifumene umkhombe uwelela kwelaseFenike, sangena kuwo sanduluka.

3. Sithe sakuthi thu ke eSipro, sayishiya ngasekhohlo, saya ngomkhombe kwelaseSiriya, saphuma eTire; kuba umkhombe ubuya kuyithula apho impahla.

4. Sathi sibafumene abafundi, sahlala khona iintsuku zasixhenxe; bona babesithi kuPawulos ngoMoya, makangenyuki aye eYerusalem.

5. Ke kaloku sithe, xa sizigqibileyo iintsuku ezo, saphuma sahamba; besiphelekelela bonke, ndawonye nabafazi nabantwana, sada sangaphandle komzi; saguqa ngamadolo elunxwemeni, sathandaza.

6. Sathi sibulisene nabo, sangena emkhombeni thina, bona ke babuyela emakhaya.

7. Sathi ke thina, sakulufeza uhambo ngomkhombe sivela eTire, safika eTolimayi, sababulisa abazalwana, sahlala nabo usuku lwalunye.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 21