Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 20:24-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Andikhathalele nanye yezi zinto; kanjalo nobomi bam obu andinqabe nabo, ukuze ndilufeze uhambo lwam ngovuyo, nolungiselelo endalwamkelayo eNkosini uYesu, lokuqononondisa iindaba ezilungileyo zobabalo lukaThixo.

25. Nangoku, yabonani, ndiyazi mna, ukuba nina nonke ndahambayo phakathi kwenu, ndibuvakalisa ubukumkani bukaThixo, anisayi kuba sabubona ubuso bam.

26. Kungoko ndingqinayo kuni ngayo le mini yanamhla, ukuba mna ndimsulwa egazini labo bonke;

27. kuba andinifihlelanga nto; ndanityela lonke icebo likaThixo.

28. Zilumkeleni ngoko, nawo wonke umhlambi, athe uMoya oyiNgcwele wanimisa ukuba ngabaveleli bawo, ukuba nilalúse ibandla likaThixo, awazizuzelayo ngelilelakhe igazi.

29. Kuba mna ndiyakwazi oku, ukuba emva kokumka kwam, kuya kungena phakathi kwenu iingcuka ezibawayo, zingawucongi umhlambi.

30. Nakuni ngokwenu kuya kuvela amadoda athetha izinto ezigwenxa, ukuba abarhole abafundi emva kwawo.

31. Kungoko ndithi, Phaphani, nikhumbula ukuba iminyaka emithathu, ubusuku nemini, andiyekanga ukululeka bonke ngabanye, ndineenyembezi.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 20