Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 20:14-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Sithe ke, akuhlangana nathi eAso, samthabatha seza eMitilene.

15. Sesuka apho ngomkhombe, ngengomso safika malungana neKiyo; sathi ke ngengomsomnye sagaleleka eSamo, sahlala eTrogiliyo; ngolandelayo seza eMileto.

16. Kuba uPawulos wagqiba kwelokuba kudlulwe ngomkhombe e-Efese, ukuze angabi nakwenza xesha lide kwelaseAsiya; kuba wayekhawulezele ukuthi, ukuba unako, awenze umhla wepentekoste* eYerusalem.

17. Ke kaloku eMileto apho wathumela e-Efese, wawabizela khona amadoda amakhulu alo ibandla.

18. Akufika ke kuye, wathi kuwo:Niyazi kakuhle nina, kususela kwimini yokuqala endathi qatha ngayo kwelaseAsiya, ukuba ndathini na ukuhlala kwam nani lonke ixesha,

19. ndikhonza eNkosini, ndínako konke ukuthobeka kwentliziyo, neenyembezi ezininzi, nokulingwa okwandihlelayo ngamayelenqe amaYuda:

20. okokuba andinifihlelanga nto, ndanityela onke amalungelo; ndanifundisa ekuhleni nakwizindlu ngezindlu,

21. ndiqononondisa kumaYuda nakumaGrike ukuguqukela kuThixo, nokukholwa kuyo iNkosi yethu, uYesu Kristu.

22. Nangoku, yabonani, ndiya mna eYerusalem, ndibotshiwe nguMoya, ndingazazi izinto eziya kundihlela khona;

23. ndanele ukwazi ukuba uMoya oyiNgcwele uqononondisa kwimizi ngemizi, esithi ndilindwe ngamakhamandela naziimbandezelo.

24. Andikhathalele nanye yezi zinto; kanjalo nobomi bam obu andinqabe nabo, ukuze ndilufeze uhambo lwam ngovuyo, nolungiselelo endalwamkelayo eNkosini uYesu, lokuqononondisa iindaba ezilungileyo zobabalo lukaThixo.

25. Nangoku, yabonani, ndiyazi mna, ukuba nina nonke ndahambayo phakathi kwenu, ndibuvakalisa ubukumkani bukaThixo, anisayi kuba sabubona ubuso bam.

26. Kungoko ndingqinayo kuni ngayo le mini yanamhla, ukuba mna ndimsulwa egazini labo bonke;

27. kuba andinifihlelanga nto; ndanityela lonke icebo likaThixo.

28. Zilumkeleni ngoko, nawo wonke umhlambi, athe uMoya oyiNgcwele wanimisa ukuba ngabaveleli bawo, ukuba nilalúse ibandla likaThixo, awazizuzelayo ngelilelakhe igazi.

29. Kuba mna ndiyakwazi oku, ukuba emva kokumka kwam, kuya kungena phakathi kwenu iingcuka ezibawayo, zingawucongi umhlambi.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 20