Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 2:36-47 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

36. Ngoko mayazi ngokuqinisekileyo yonke indlu kaSirayeli, ukuba uThixo wamenza iNkosi noKristu, kwayena lo Yesu nambethelelayo emnqamlezweni nina.

37. Ke kaloku bathe, bakukuva oko, bahlabeka entliziyweni, bathi kuPetros nakwabanye abapostile,* Madoda, bazalwana, síthini na?

38. Uthe ke uPetros kubo, Guqukani nibhaptizwe nonke ngabanye egameni likaYesu Kristu, ukuze nixolelwe izono, namkele isipho soMoya oyiNgcwele.

39. Kuba idinga likuni, nakubantwana benu, nakubo bonke abakude, esukuba iNkosi uThixo wethu iya kubabiza.

40. Nangamanye amazwi amaninzi wayeqononondisa, evuselela esithi, Zisindiseni kwesi sizukulwana sigoso.

41. Bathe ke ngoko, ábalamkele ilizwi lakhe ngovuyo, babhaptizwa; kongezelelwa ngaloo mini imiphefumlo engathi imawaka mathathu.

42. Baye ke bezingisa ukuhlala emfundisweni yabapostile, nasebudlelaneni, nasekuqhekezeni isonka, nasemithandazweni.

43. Ke kaloku kwabakho ukoyika kwimiphefumlo yonke; kwenzeka izimanga ezininzi kwanemiqondiso ngabapostile.

44. Bonke ke ababekholwa babendawonye, benobudlelane ngeento zonke.

45. Baye bethengisa nangemihlaba nangempahla yabo, babele bonke, njengoko ebethi ubani aswele ngako.

46. Babezingisa ukuhlala bemxhelo mnye etempileni imihla ngemihla, beqhekeza isonka kwizindlu ngezindlu, besidla ukudla benemigcobo, benolungelelwano lwentliziyo,

47. bemdumisa uThixo, benonelelwe ngabantu bonke. Yaye iNkosi isongeza abasindiswayo imihla ngemihla kulo ibandla.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 2