Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 2:33-44 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. Ephakanyisiwe ngoko sisandla sokunene sikaThixo, elamkele kanjalo idinga loMoya oyiNgcwele kuYise, uthulule oku nikubonayo, nikuvayo, kalokunje nina.

34. Kuba uDavide, enganyukanga waya emazulwini, ke uthi ngokwakhe,Yathi iNkosi eNkosini yam,Hlala ngasekunene kwam,

35. Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho.(INdum. 110:1)

36. Ngoko mayazi ngokuqinisekileyo yonke indlu kaSirayeli, ukuba uThixo wamenza iNkosi noKristu, kwayena lo Yesu nambethelelayo emnqamlezweni nina.

37. Ke kaloku bathe, bakukuva oko, bahlabeka entliziyweni, bathi kuPetros nakwabanye abapostile,* Madoda, bazalwana, síthini na?

38. Uthe ke uPetros kubo, Guqukani nibhaptizwe nonke ngabanye egameni likaYesu Kristu, ukuze nixolelwe izono, namkele isipho soMoya oyiNgcwele.

39. Kuba idinga likuni, nakubantwana benu, nakubo bonke abakude, esukuba iNkosi uThixo wethu iya kubabiza.

40. Nangamanye amazwi amaninzi wayeqononondisa, evuselela esithi, Zisindiseni kwesi sizukulwana sigoso.

41. Bathe ke ngoko, ábalamkele ilizwi lakhe ngovuyo, babhaptizwa; kongezelelwa ngaloo mini imiphefumlo engathi imawaka mathathu.

42. Baye ke bezingisa ukuhlala emfundisweni yabapostile, nasebudlelaneni, nasekuqhekezeni isonka, nasemithandazweni.

43. Ke kaloku kwabakho ukoyika kwimiphefumlo yonke; kwenzeka izimanga ezininzi kwanemiqondiso ngabapostile.

44. Bonke ke ababekholwa babendawonye, benobudlelane ngeento zonke.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 2