Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 2:27-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo.Kananjalo akuyi kumnikela oyiNgcwele wakho ekuboneni ukubola.

28. Wandazisa iindlela zobomi;Ùya kundizalisa ngemihlali ngokubona ubuso bakho.(INdum. 16:8-11)

29. Madoda, bazalwana, mandivunyelwe ndithethe kuni ngokuphandle ngomawokhulu uDavide, ukuba wafa wangcwatywa; nengcwaba lakhe likho phakathi kwethu unanamhla.

30. Ngoko, kuba engumprofeti, esazi nokwazi ukuba uThixo wamfungela isifungo sokuba esiqhameni sesinqe sakhe ngokwenyama uya kuvelisa uKristu,* ukuba ahlale phezu kwetrone yakhe:

31. uthe ebona ngenxa engaphambili, wathetha ngako ukuvuka kukaKristu, ukuba umphefumlo wakhe ungashiywanga kwelabafileyo nenyama yakhe ingabonanga kubola.

32. UThixo wamvusa lo Yesu, esingamangqina ako oko thina sonke.

33. Ephakanyisiwe ngoko sisandla sokunene sikaThixo, elamkele kanjalo idinga loMoya oyiNgcwele kuYise, uthulule oku nikubonayo, nikuvayo, kalokunje nina.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 2