Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 2:24-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. athe uThixo wamvusa, eyikhulule inimba yokufa; ngokokuba ebengenako ukubanjwa kuko.

25. Kuba uDavide uthi, esingisele kuye,Ndahlala ndiyibona iNkosi phambi kwamehlo am,Ngokuba ingasekunene kwam, ukuze ndingashukunyiswa.

26. Ngenxa yoko intliziyo yam yaba nemihlali, lwagcoba ulwimi lwam;Ngaphezu koko ke nenyama yam iya kuphumla inethemba;

27. Ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo.Kananjalo akuyi kumnikela oyiNgcwele wakho ekuboneni ukubola.

28. Wandazisa iindlela zobomi;Ùya kundizalisa ngemihlali ngokubona ubuso bakho.(INdum. 16:8-11)

29. Madoda, bazalwana, mandivunyelwe ndithethe kuni ngokuphandle ngomawokhulu uDavide, ukuba wafa wangcwatywa; nengcwaba lakhe likho phakathi kwethu unanamhla.

30. Ngoko, kuba engumprofeti, esazi nokwazi ukuba uThixo wamfungela isifungo sokuba esiqhameni sesinqe sakhe ngokwenyama uya kuvelisa uKristu,* ukuba ahlale phezu kwetrone yakhe:

31. uthe ebona ngenxa engaphambili, wathetha ngako ukuvuka kukaKristu, ukuba umphefumlo wakhe ungashiywanga kwelabafileyo nenyama yakhe ingabonanga kubola.

32. UThixo wamvusa lo Yesu, esingamangqina ako oko thina sonke.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 2