Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 2:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, ekuzalisekeni kwawo umhla wepentekoste,* baye bonke bemxhelo mnye ndaweni-nye.

2. Kwaza ngequbuliso kwaphuma ezulwini isandi esinjengesomoya ovuthuza ngamandla, sayizalisa indlu yonke ababehleli kuyo.

3. Kwabonakala kubo iilwimi ezabekayo, ngathi zezomlilo, lwaolo lwahlala phezu kwabo bonke ngabanye.

4. Bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, baqala ukuthetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wayebanika ukuba bathethe baphimisele.

5. Ke kaloku kwakumi eYerusalem apho amaYuda, amadoda awoyika uThixo, evela kuzo zonke iintlanga eziphantsi kwezulu.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 2