Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 19:29-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Wazala umzi uphela sisidubedube; besuka indulumbane ngamxhelo mnye endaweni yokubonela, bamthi hlasi uGayo noAristarko, abelaseMakedoni, ababehamba noPawulos.

30. Uthe ke uPawulos, enga angangena entlanganisweni yabantu, àbamvumela abafundi.

31. Abathile ke bakubaphathi belaseAsiya, benobuhlobo kuye, bathumela kuye, bambongoza ukuba angàzinikeli endaweni yokubonela.

32. Abanye ke ngoko babenkqangaza enye into, abanye yimbi, kuba ibandla labe lidubadubekile; baye abaninzi bengazi ukuba babuthelene ngenxa yantoni na.

33. Bamrhola ke esihlweleni uAlesandire, akubon' ukuba amaYuda amtyhalela phambili; uwangawangisile ke uAlesandire ngesandla, wafuna ukuziphendulela eluntwini.

34. Kodwa bakuqonda ukuba ungumYuda, benza inzwinini enye bonke bephela, benkqangaza umzuzu omaxa mabini, besithi, Mkhulu uArtemis wabase-Efese!

35. Esizolisile ke umbhali isihlwele, uthe, Madoda ase-Efese, kanene nguwuphi na umntu ongàziyo, ukuba umzi wase-Efese ungumgcini-tempile wothixokazi omkhulu uArtemis, nowomfanekiselo owawa kuZeyus.*

36. Zingenakuphikwa nje ke ezo zinto, nimelwe kukuthi nizole, ningenzi nanye into ngobutyhuthu-tyhuthu,

funda isahluko epheleleyo Izenzo 19