Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 19:14-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Kwaye kukho ke nyana bathile basixhenxe bakaSkeva, umYuda, umbingeleli omkhulu, ababekwenza oko.

15. Waphendula ke umoya okhohlakeleyo, wathi. UYesu ndiyamazi, noPawulos ndiyamazi kakuhle; ke nina ningoobani na?

16. Wesuka umntu obukuye umoya okhohlakeleyo, wabatsibela, wabagagamela wabeyisa, ngokokude babaleke baphume kuloo ndlu bengxwelerhiwe, bezé.

17. Kwathi ke oko kwazeka kuwo onke amaYuda, kwanakumaGrike amiyo e-Efese; angenwa kukoyika onke, lenziwa likhulu igama leNkosi uYesu.

18. Yaye nento eninzi yabakholiweyo isiza, izivuma izixela izenzo zabo.

19. Yathi ke nento eyaneleyo yabasebenza izenzo zobugqi, yazizisa ndaweni-nye iincwadi zayo, yazitshisa phambi kwabo bonke; bawabala amaxabiso azo, bafumana engamawaka amashumi mahlanu esilivere.

20. Lenjenjalo ke ilizwi leNkosi ukwanda ngamandla nokweyisa.

21. Ke kaloku, zakuzaliseka ezi zinto, wamisa emoyeni wakhe uPawulos ukuba athi, elityhutyhile elaseMakedoni nelaseAkaya, aye eYerusalem, esithi, Emveni kokuba ndithe ndakhona, ndimelwe kukuba ndibone neRoma.

22. Wathuma ke kwelaseMakedoni bababini kwabamlungiselelayo, uTimoti noErasto; yena ke wakha walibala umzuzu kwelaseAsiya.

23. Ke kaloku kwabakho ngelo xesha inkathazeko engencinane ngayo iNdlela le.

24. Kuba uthile, ogama linguDemetriyo, umkhandi wesilivere, obesenza iitempile zesilivere zika-Artemis,* wayezizuzisa iingcibi inzuzo engencinane.

25. Waziqukela ndawonye, kwanabasebenzi bezinto ezinjalo, wathi, Madoda, niyazi kakuhle ukuba buphuma kule nzuzo ubutyebi bethu;

funda isahluko epheleleyo Izenzo 19