7. Esuka khona, weza endlwini yothile ogama linguYusto, omhlonelayo uThixo, ondlu yayamene nendlu yesikhungu.
8. Uthe ke uKrispo, umphathi wendlu yesikhungu, wakholwa yiNkosi, nendlu yakhe iphela; nento eninzi yamaKorinte yakuva yakholwa, yabhaptizwa.
9. Yathi ke iNkosi ngombono ebusuku kuPawulos, Musa ukoyika, thetha ungàthi tu;
10. ngokokuba mna ndinawe, kanjalo akukho namnye uya kukusa sandla, akuphathe kakubi; ngokokuba ndinabantu abaninzi kuló mzi.
11. Wahlala khona ke umnyaka oneenyanga ezintandathu, efundisa ilizwi likaThixo phakathi kwabo.