Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 18:20-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Uthe ke, akumcela ukuba akhe ahlale umzuzu kuwo, akavuma;

21. wawabulisa ke esithi, Nokuba kutheni, ndimelwe kukuwenzela eYerusalem umthendeleko ozayo; kodwa ndobuya ndize kuni, ukuba uThixo uyavuma. Waza wemka ngomkhombe e-Efese.

22. Uthe, ehle weza eKesareya, wenyuka walibulisa ibandla, wehla waya kwa-Antiyokwe.

23. Enzé ixesha elithile khona, wemka, walityhutyha ilizwe laseGalati, nelaseFrigi, ebomeleza bonke abafundi.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 18