Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 18:17-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Ambamba ke onke amaGrike uSostene, umphathi wendlu yesikhungu, ambetha phambi kwesihlalo sokugweba. Akwabakho nanye yezo zinto ayikhathalelayo uGaliyo.

18. Ke kaloku uPawulos ukhe wahlala imihla eyaneleyo. Waza, ebabulisile abazalwana, wemka ngomkhombe waya kwelaseSiriya, enoPrisila noAkwila; eyichebile intloko eKenkreya, kuba waye enesibambiso.

19. Wehla ke wafika e-Efese, wabashiya bona apho; ke yena wangena endlwini yesikhungu, waxoxa namaYuda.

20. Uthe ke, akumcela ukuba akhe ahlale umzuzu kuwo, akavuma;

21. wawabulisa ke esithi, Nokuba kutheni, ndimelwe kukuwenzela eYerusalem umthendeleko ozayo; kodwa ndobuya ndize kuni, ukuba uThixo uyavuma. Waza wemka ngomkhombe e-Efese.

22. Uthe, ehle weza eKesareya, wenyuka walibulisa ibandla, wehla waya kwa-Antiyokwe.

23. Enzé ixesha elithile khona, wemka, walityhutyha ilizwe laseGalati, nelaseFrigi, ebomeleza bonke abafundi.

24. Ke kaloku wathi umYuda othile, ogama linguApolo, wakwa-Alesandire ngokuzalwa, umfo oliciko, wehla waya e-Efese, enobunkunkqele ezibhalweni.

25. Lowo ke wayeyifundisiwe ngomlomo indlela yeNkosi; waza evutha ngumoya wathetha, wafundisa ngokucokisekileyo izinto ezingayo iNkosi, esazi kakuhle ubhaptizo lukaYohane lodwa.

26. Yena kanjalo waqala ukuthetha ngokungafihlisiyo endlwini yesikhungu. Bathe ke bakumva ooAkwila noPrisila, bamthabathela kubo, bamtyhilela ngokucokisekileyo ngakumbi indlela kaThixo.

27. Ke kaloku, akubon' ukuba unga angadlula aye kwelaseAkaya, abazalwana babhala bebayala abafundi ukuba bamamkele; owathi akufika, wabanceda kakhulu abakholiweyo ngalo ubabalo;

28. kuba waweyisa, wawancamisa ekuhleni amaYuda, ebonakalalisa ngazo izibhalo ukuba uYesu lo unguye uKristu.*

funda isahluko epheleleyo Izenzo 18