Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 17:8-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Asikhathaza ke isihlwele nabaphathi bomzi, bakuziva ezi zinto.

9. Bethabathe isibambiso kuYason nakwabanye, babakhulula.

10. Ke kaloku bathi abazalwana kwaoko bamndulula uPawulos noSilas ngobusuku, ukuba baye eBhereya; abathi bona bakufika, baya endlwini yesikhungu yamaYuda.

11. La ke aye enobuntu kunawaseTesalonika; la wona alamkela ilizwi ngentumekelelo yonke, ezincina izibhalo imihla ngemihla, ukuba zingaba zinjalo na ezi zinto.

12. Kwakholwa ke ngoko into eninzi kuwo, nakumaGrikekazi abekekileyo, nakumadoda, àbaba mbalwa.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 17