Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 17:5-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ke kaloku amaYuda angoyisekileyo, enomsindo, azithabathela amadoda athile angendawo, angamahilihili, enza ibubu, awuphithizelisa umzi, ayifikela nendlu kaYason, efuna ukubarholela eluntwini.

6. Akuba engabafumananga ke, amrholela uYason nabazalwana abathile kubaphathi bomzi, ebhomboloza esithi, Aba baliqungaqungileyo elimiweyo, bona bafikile nalapha;

7. athe uYason wabamkela ngobubele; baye bonke aba besenza okuchasene nemimiselo kaKesare,* besithi, Kukho kumkani wumbi unguYesu.

8. Asikhathaza ke isihlwele nabaphathi bomzi, bakuziva ezi zinto.

9. Bethabathe isibambiso kuYason nakwabanye, babakhulula.

10. Ke kaloku bathi abazalwana kwaoko bamndulula uPawulos noSilas ngobusuku, ukuba baye eBhereya; abathi bona bakufika, baya endlwini yesikhungu yamaYuda.

11. La ke aye enobuntu kunawaseTesalonika; la wona alamkela ilizwi ngentumekelelo yonke, ezincina izibhalo imihla ngemihla, ukuba zingaba zinjalo na ezi zinto.

12. Kwakholwa ke ngoko into eninzi kuwo, nakumaGrikekazi abekekileyo, nakumadoda, àbaba mbalwa.

13. Akùqonda ke awaseTesalonika amaYuda, ukuba ilizwi likaThixo lazisiwe nguPawulos naseBhereya, eza azizamazamisa nalapho izihlwele.

14. Bandula ke kwaoko abazalwana, bamsusa uPawulos ukuba abheke ngaselwandle; kwasala uSilas kwanoTimoti khona.

15. Bathe ke bona abamkhapháyo uPawulos, bamsa eAtene; bakuba bamkelé umthetho oya kooSilas noTimoti, wokuba beze kuye kwakamsinya, bemka.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 17