Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 17:17-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Wayexoxa ke ngoko endlwini yesikhungu namaYuda, nabamhlonelayo uThixo; nasendaweni yembutho imihla ngemihla, nabasukuba bekhona.

18. Ke kaloku izithanda-bulumko ezithile zamaEpikure* nezamaStoyike* zamhlanganyela; yayisithi inxenye, Azi lifuna ukuthini na eli pholopholo? Abanye ke bathi, Ngathi ngumazisi wezithixo zasemzini; ngokuba wayebashumayeza iindaba ezilungileyo zikaYesu, novuko lwabafileyo.

19. Bamthabatha ke bamsa eAreyopago,* besithi, Singakhe siyive na le mfundiso intsha ithethwa nguwe, ukuba iyini na?

20. Kuba uzisa izinto ezithile zasemzini ezindlebeni zethu; singa singázi ngoko, ukuba zingaba zifuna ukuba yintoni na ezi zinto.

21. Ke kaloku abaseAtene bonke, nabasemzini abangabahambi, babengazilibazisi nganto yimbi, ngaphandle kokuxela nokuva olona daba lutsha.

22. Wema ke uPawulos esazulwini seAreyopago, wathi:Madoda aseAtene, ndiyabona ukuba ezintweni zonke nincamisile ukuhlonela izithixo.

23. Kuba ndithe, ndihamba ndisingasinga izinto enizihlonelayo, ndafumana nesibingelelo ekubhalwe kuso, kwathiwa, KONGÀZIWAYO UTHIXO. Lowo ngoko nimhlonelayo ningamazi, ndinazisa yena mna.

24. UThixo yena, owenza ihlabathi neento zonke ezikulo, lowo, eyiNkosi nje yezulu nomhlaba, akahlali zitempileni zenziwe ngazandla.

25. Kananjalo akaphiliswa zizandla zabantu, ngokoswele into, inguye nje obanika bonke ubomi, nomphefumlo, nazo zonke izinto.

26. Kanjalo wazenza ngagazi-nye zonke iintlanga zabantu, ukuba zime phezu kwawo wonke umhlaba, emisa amaxesha abekwe ngenxa engaphambili, nemida yokuma kwazo;

27. ukuze bayifune iNkosi, ukuba kambe bangáphuthaphutha bayifumane, nakuba ingekude kuthi sonke ngabanye.

28. Kuba kuyo sihleli, siyashukuma, sikho; njengokuba neembongi ezithile zenu zitshilo ukuthi, Kuba nathi siyinzala yakhe.

29. Siyinzala kaThixo nje ke, akusifanele ukuba sibe ubuthixo obu bufana negolide nesilivere nelitye, into eqingqwe ngobungcibi nangengcinga yomntu.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 17