Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 17:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, bakuba beyihambile iAmfipoli neApoloni, beza eTesalonika, apho yayikhona indlu yesikhungu yamaYuda.

2. Ngokwesiko ke likaPawulos wangena kuwo; waye iisabatha ezintathu exoxa nawo, ethabatha ezibhalweni, etyhila,

3. ebeka phambi kwawo ukuba uKristu* ubemelwe kukuva ubunzima, aze avuke kwabafileyo; nokuthi, Nguye ke uKristu, lo Yesu ndinazisa yena mna.

4. Inxenye kuwo yoyiseka, yazibandakanya noPawulos noSilas, kwanenkitha enkulu yamaGrike amhlonelayo uThixo; nakubafazi abaziintloko àbaba mbalwa.

5. Ke kaloku amaYuda angoyisekileyo, enomsindo, azithabathela amadoda athile angendawo, angamahilihili, enza ibubu, awuphithizelisa umzi, ayifikela nendlu kaYason, efuna ukubarholela eluntwini.

6. Akuba engabafumananga ke, amrholela uYason nabazalwana abathile kubaphathi bomzi, ebhomboloza esithi, Aba baliqungaqungileyo elimiweyo, bona bafikile nalapha;

7. athe uYason wabamkela ngobubele; baye bonke aba besenza okuchasene nemimiselo kaKesare,* besithi, Kukho kumkani wumbi unguYesu.

8. Asikhathaza ke isihlwele nabaphathi bomzi, bakuziva ezi zinto.

9. Bethabathe isibambiso kuYason nakwabanye, babakhulula.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 17