Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 16:36-40 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

36. Uwaxelile ke umgcini wababanjwa la mazwi kuPawulos, wathi, Abathetheli bathumele ukuba nikhululwe; ke ngoko phumani, nihambe ngoxolo.

37. Uthe ke uPawulos kuwo, Basityabule ekuhleni singagwetywanga, síbantu bangamaRoma; basiphosa entolongweni; ngoku basikhupha ngasese na? Nakanye; mabeze bona ngokwabo, basikhuphe.

38. Awaxela ke la mazwi amadindala kubathetheli; boyika, bakuva ukuba bangamaRoma.

39. Beza bababongoza, babakhupha, babacela ukuba baphume kuwo umzi.

40. Bephumile ke entolongweni, baya kungena kwaLidiya; bathi, bebabonile abazalwana, babayala, bemka.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 16