Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 16:26-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Kwabakho ke ngequbuliso unyikimo olukhulu lomhlaba, ngokokude zizanyazanyiswe iziseko zentolongo; zavuleka kwaoko iingcango zonke, athukululeka amakhamandela abo bonke.

27. Ethe tyithi ke ebuthongweni umgcini wababanjwa, ebona iingcango zentolongo zivulekile, warhola ikrele, eza kuzibulala, eba ababanjwa babalekile.

28. UPawulos wabiza ke ngezwi elikhulu wathi, Ungazenzakalisi; kuba sikho sonke apha.

29. Ebize ke izibane, watsiba phakathi, waza egubha, wawa phantsi phambi koPawulos noSilas.

30. Wabazisa phandle, wathi, Zinkosi, ndimelwe kukuthini na, ukuze ndisindiswe?

31. Bathi ke bona, Kholwa kuyo iNkosi uYesu Kristu, wosindiswa wena nendlu yakho.

32. Balithetha kuye ilizwi leNkosi, nakubo bonke ababesendlwini yakhe.

33. Wabathabatha ngelo lixa lobusuku, wayihlamba imivumbo yabo; wabhaptizwa yena kwalapho, nabo bonke abakhe.

34. Kananjalo, ebanyuse wabása endlwini yakhe, wabeka ukudla phambi kwabo, wagcoba nendlu yakhe yonke, kuba ekholwa kuThixo.

35. Kwakusa, abathetheli bathuma amadindala, besithi, Bakhulule abo bantu.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 16