Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 16:2-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. obengqinelwe kakuhle ngabazalwana baseListra naseIkoniyo.

3. Lowo uPawulos wathanda ukuba aphume naye; wamthabatha wamalùsa, ngenxa yamaYuda abekwezo ndawo; kuba bonke babemazi uyise ukuba ungumGrike.

4. Ke kaloku, xa babeyihamba imizi, babanikela imimiselo ukuba bayigcine, leyo ibimiswe ngabapostile namadoda amakhulu aseYerusalem.

5. Ayezimaseka ke ngoko amabandla elukholweni, esanda ngenani imihla ngemihla.

6. Ke kaloku, bakulityhutyha ilizwe laseFrigi nelaseGalati, balelwa nguMoya oyiNgcwele ukulithetha ilizwi kwelaseAsiya.

7. Befikile kwelaseMisi, balinga ukuya nakwelaseBhitini, kodwa akabavumelanga uMoya lowo;

8. badlula ke kwelaseMisi, behla baya eTrowa.

9. Kwabonakala umbono kuPawulos ebusuku. Kwema ndoda ithile yelaseMakedoni, imbongoza isithi, Wela uze kwelaseMakedoni, usisize.

10. Ke kaloku, akuwubona umbono lowo, safuna thina kwaoko ukuphuma siye kwelaseMakedoni, sígqibé kwelithi, iNkosi isibizele ukuba sibashumayeze iindaba ezilungileyo.

11. Sindulukile ngoko ngomkhombe eTrowa, sathi ngqo ukuya eSamotraki, sathi ngengomso seza eNeyapoli;

funda isahluko epheleleyo Izenzo 16