Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 16:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku wafika eDerbhe naseListra. Kwabonakala kukho mfundi uthile apho, ugama linguTimoti, unyana wentokazi ethile engumYudakazi okholiweyo, kodwa uyise engumGrike;

2. obengqinelwe kakuhle ngabazalwana baseListra naseIkoniyo.

3. Lowo uPawulos wathanda ukuba aphume naye; wamthabatha wamalùsa, ngenxa yamaYuda abekwezo ndawo; kuba bonke babemazi uyise ukuba ungumGrike.

4. Ke kaloku, xa babeyihamba imizi, babanikela imimiselo ukuba bayigcine, leyo ibimiswe ngabapostile namadoda amakhulu aseYerusalem.

5. Ayezimaseka ke ngoko amabandla elukholweni, esanda ngenani imihla ngemihla.

6. Ke kaloku, bakulityhutyha ilizwe laseFrigi nelaseGalati, balelwa nguMoya oyiNgcwele ukulithetha ilizwi kwelaseAsiya.

7. Befikile kwelaseMisi, balinga ukuya nakwelaseBhitini, kodwa akabavumelanga uMoya lowo;

8. badlula ke kwelaseMisi, behla baya eTrowa.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 16