Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 15:6-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Bahlanganisana ke abapostile namadoda amakhulu, ukuba bayikhangele loo ndawo.

7. Ke kaloku, kwakubon' ukuba kubekho imbuzwano enkulu, wesuka uPetros wathi kubo, Madoda, bazalwana, niyazi kakuhle nina, ukuba uThixo kwangemihla yakudala wanyula phakathi kwethu, ukuba iintlanga zilive ngawo umlomo wam ilizwi leendaba ezilungileyo, zikholwe.

8. UThixo, umazi-ntliziyo, wazingqinela, ezinika uMoya oyiNgcwele kwanjengathi;

9. akacalula phakathi kwethu nazo, ezihlambulule iintliziyo zazo ngokholo.

10. Phofu ke nimlingelani na uThixo, ngokubeka idyokhwe entanyeni yabafundi, esibe singenamandla okuyithwala, thina kwanoobawo bethu?

11. Ke ngalo ubabalo lweNkosi uYesu Kristu, siyakholwa ukuba sosindiswa kwangohlobo ezisindiswa ngalo nazo.

12. Yathi cwaka ke yonke inkitha yabantu, yaphulaphula ooBharnabhas noPawulos, becacisa oko yayingako imiqondiso nezimanga, awazenzáyo uThixo phakathi kwazo iintlanga ngabo.

13. Ke kaloku, emva kokuthi cwaka kwabo, waphendula uYakobi esithi, Madoda, bazalwana, ndiphulaphuleni.

14. USimon lo ukucacisile ukuba wathini na ekuqaleni uThixo ukuzivelela iintlanga, ukuba kuzo alinyulele abantu elakhe igama.

15. Áyavumelana nako oko amazwi abaprofeti, njengokuba kubhaliwe kwathiwa,

16. Emveni koku ndiya kubuya,Ndize ndibuye ndiwakhe umnquba owileyo kaDavide,Amanxuwa awo ndibuye ndiwakhe kanjalo,Ndibuye ndiwumise;

17. Okokuze amaqongqolo abantu ayifune iNkosi,Zifune zonke iintlanga ezibizwe ngalo igama lam;Itsho iNkosi, leyo izenzayo zonke ezi zinto.

18. Iyaziwa ke nguThixo kuselokwaphakade yonke imisebenzi yakhe.(UAm. 9:11,12)

19. Kungoko mna ndigqiba kwelithi, masingabakhathazi abo beentlanga babuyelayo kuThixo;

20. kodwa masibabhalele ukuba bazikhwebule kwizingcoliso zezithixo, nombulo, nento ekrwitshiweyo, negazi.

21. Kuba uMoses kwakwizizukulwana zakudala unabamvakalisayo kwimizi ngemizi, eleswa ezindlwini zesikhungu ezi iisabatha ngeesabatha.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 15