Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 15:27-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Sibathumile ngoko ooYuda noSilas, abothi nabo banibikele ezi ndawo ngomlomo.

28. Kuba kwabonakala kulungile kuye uMoya oyiNgcwele, nakuthi, ukuba kungàbekwa phezu kwenu mthwalo ungaphezu kwezi ndawo zifunekayo:

29. zokuba nizile izinto ezibingelelwe kwizithixo, negazi, nento ekrwitshiweyo, nombulo; enothi nakuzigcina kuzo, nibe niyalungisa. Hlalani kakuhle.

30. Bathe ke ngoko, bakunduluka, beza kwa-Antiyokwe; bawuhlanganisa umhlambi wabazalwana, bayinikela incwadi leyo.

31. Beyilesile ke bona, baluvuyela uthuthuzelo olu.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 15