Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 15:26-41 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. uBharnabhas noPawulos, abantu ababuncamileyo ubomi babo ngenxa yegama leNkosi yethu uYesu Kristu.

27. Sibathumile ngoko ooYuda noSilas, abothi nabo banibikele ezi ndawo ngomlomo.

28. Kuba kwabonakala kulungile kuye uMoya oyiNgcwele, nakuthi, ukuba kungàbekwa phezu kwenu mthwalo ungaphezu kwezi ndawo zifunekayo:

29. zokuba nizile izinto ezibingelelwe kwizithixo, negazi, nento ekrwitshiweyo, nombulo; enothi nakuzigcina kuzo, nibe niyalungisa. Hlalani kakuhle.

30. Bathe ke ngoko, bakunduluka, beza kwa-Antiyokwe; bawuhlanganisa umhlambi wabazalwana, bayinikela incwadi leyo.

31. Beyilesile ke bona, baluvuyela uthuthuzelo olu.

32. Ke kaloku ooYuda noSilas, kuba bengabaprofeti nabo, babathuthuzela abazalwana ngokuthetha okukhulu, babomeleza.

33. Bakuba ke benze ixesha, banduluka bexolile kubazalwana, baya kubapostile.

34. Kodwa kuSilas kwabonakala kulungile ukuba akhe ahlale khona.

35. Balibala ke ooPawulos noBharnabhas kwa-Antiyokwe, befundisa, beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi leNkosi, kwanabanye abaninzi.

36. Ke kaloku, emva kwemihla ethile, wathi uPawulos kuBharnabhas, Makhe sibuye siye kuvelela abazalwana bethu, kuyo yonke imizi ngemizi esalazisayo kuyo ilizwi leNkosi, sibone ukuba banjani na.

37. Ke kaloku uBharnabhas wangxamela ukuba bathabathe nabo uYohane, ekuthiwa nguMarko;

38. kodwa uPawulos wathi akufanelekile ukumthabatha, ahambe nabo, lowo wemkayo kubo kwelasePamfili, àkaya nabo emsebenzini.

39. Kwabakho ngoko amazwi abukhali phakathi kwabo, ngokokude bahlukane; athi uBharnabhas amthabathe uMarko, anduluke ngomkhombe aye eSipro;

40. kodwa uPawulos wanyula uSilas, wemka, enikelwe kubabalo lukaThixo ngabazalwana.

41. Walityhutyha ke elaseSiriya nelaseKiliki, ewomeleza amabandla.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 15