Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 15:22-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Kwaza kwabonakala kulungile kubapostile nakumadoda amakhulu, ndawonye nalo ibandla liphela, ukuba banyule amadoda kwakubo, bawathume kwa-Antiyokwe ndawonye noPawulos noBharnabhas; angooYuda ogama limbi linguBharsabhas, noSilas, amadoda angabakhokeli kubazalwana.

23. Babhala incwadi ngesandla sawo, besithi:Abapostile namadoda amakhulu nabazalwana bayabulisa kubo abazalwana basezintlangeni, abakwa-Antiyokwe nakwelaseSiriya nakwelaseKiliki.

24. Ekubeni ke sivile ukuba abathile kuthi baphuma baya banikhathaza ngamazwi, beyikhukulisa imiphefumlo yenu, besithi, makwalukwe, kugcinwe umthetho, esingabayalelanga wona:

25. kwabonakala kulungile kuthi, simxhelo mnye, ukuba sinyule amadoda ukuba siwathume kuni, ndawonye neentánda zethu,

26. uBharnabhas noPawulos, abantu ababuncamileyo ubomi babo ngenxa yegama leNkosi yethu uYesu Kristu.

27. Sibathumile ngoko ooYuda noSilas, abothi nabo banibikele ezi ndawo ngomlomo.

28. Kuba kwabonakala kulungile kuye uMoya oyiNgcwele, nakuthi, ukuba kungàbekwa phezu kwenu mthwalo ungaphezu kwezi ndawo zifunekayo:

29. zokuba nizile izinto ezibingelelwe kwizithixo, negazi, nento ekrwitshiweyo, nombulo; enothi nakuzigcina kuzo, nibe niyalungisa. Hlalani kakuhle.

30. Bathe ke ngoko, bakunduluka, beza kwa-Antiyokwe; bawuhlanganisa umhlambi wabazalwana, bayinikela incwadi leyo.

31. Beyilesile ke bona, baluvuyela uthuthuzelo olu.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 15