Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 15:17-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Okokuze amaqongqolo abantu ayifune iNkosi,Zifune zonke iintlanga ezibizwe ngalo igama lam;Itsho iNkosi, leyo izenzayo zonke ezi zinto.

18. Iyaziwa ke nguThixo kuselokwaphakade yonke imisebenzi yakhe.(UAm. 9:11,12)

19. Kungoko mna ndigqiba kwelithi, masingabakhathazi abo beentlanga babuyelayo kuThixo;

20. kodwa masibabhalele ukuba bazikhwebule kwizingcoliso zezithixo, nombulo, nento ekrwitshiweyo, negazi.

21. Kuba uMoses kwakwizizukulwana zakudala unabamvakalisayo kwimizi ngemizi, eleswa ezindlwini zesikhungu ezi iisabatha ngeesabatha.

22. Kwaza kwabonakala kulungile kubapostile nakumadoda amakhulu, ndawonye nalo ibandla liphela, ukuba banyule amadoda kwakubo, bawathume kwa-Antiyokwe ndawonye noPawulos noBharnabhas; angooYuda ogama limbi linguBharsabhas, noSilas, amadoda angabakhokeli kubazalwana.

23. Babhala incwadi ngesandla sawo, besithi:Abapostile namadoda amakhulu nabazalwana bayabulisa kubo abazalwana basezintlangeni, abakwa-Antiyokwe nakwelaseSiriya nakwelaseKiliki.

24. Ekubeni ke sivile ukuba abathile kuthi baphuma baya banikhathaza ngamazwi, beyikhukulisa imiphefumlo yenu, besithi, makwalukwe, kugcinwe umthetho, esingabayalelanga wona:

25. kwabonakala kulungile kuthi, simxhelo mnye, ukuba sinyule amadoda ukuba siwathume kuni, ndawonye neentánda zethu,

26. uBharnabhas noPawulos, abantu ababuncamileyo ubomi babo ngenxa yegama leNkosi yethu uYesu Kristu.

27. Sibathumile ngoko ooYuda noSilas, abothi nabo banibikele ezi ndawo ngomlomo.

28. Kuba kwabonakala kulungile kuye uMoya oyiNgcwele, nakuthi, ukuba kungàbekwa phezu kwenu mthwalo ungaphezu kwezi ndawo zifunekayo:

29. zokuba nizile izinto ezibingelelwe kwizithixo, negazi, nento ekrwitshiweyo, nombulo; enothi nakuzigcina kuzo, nibe niyalungisa. Hlalani kakuhle.

30. Bathe ke ngoko, bakunduluka, beza kwa-Antiyokwe; bawuhlanganisa umhlambi wabazalwana, bayinikela incwadi leyo.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 15