Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 15:11-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Ke ngalo ubabalo lweNkosi uYesu Kristu, siyakholwa ukuba sosindiswa kwangohlobo ezisindiswa ngalo nazo.

12. Yathi cwaka ke yonke inkitha yabantu, yaphulaphula ooBharnabhas noPawulos, becacisa oko yayingako imiqondiso nezimanga, awazenzáyo uThixo phakathi kwazo iintlanga ngabo.

13. Ke kaloku, emva kokuthi cwaka kwabo, waphendula uYakobi esithi, Madoda, bazalwana, ndiphulaphuleni.

14. USimon lo ukucacisile ukuba wathini na ekuqaleni uThixo ukuzivelela iintlanga, ukuba kuzo alinyulele abantu elakhe igama.

15. Áyavumelana nako oko amazwi abaprofeti, njengokuba kubhaliwe kwathiwa,

16. Emveni koku ndiya kubuya,Ndize ndibuye ndiwakhe umnquba owileyo kaDavide,Amanxuwa awo ndibuye ndiwakhe kanjalo,Ndibuye ndiwumise;

17. Okokuze amaqongqolo abantu ayifune iNkosi,Zifune zonke iintlanga ezibizwe ngalo igama lam;Itsho iNkosi, leyo izenzayo zonke ezi zinto.

18. Iyaziwa ke nguThixo kuselokwaphakade yonke imisebenzi yakhe.(UAm. 9:11,12)

19. Kungoko mna ndigqiba kwelithi, masingabakhathazi abo beentlanga babuyelayo kuThixo;

funda isahluko epheleleyo Izenzo 15