Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 14:21-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Bewushumayezile loo mzi iindaba ezilungileyo, benze nabafundi abaneleyo, babuya beza eListra, naseIkoniyo, nakwa-Antiyokwe,

22. besomeleza imiphefumlo yabafundi, bebavuselela ukuba bahlale behleli elukholweni; besithi, Simelwe kukuphumela ezimbandezelweni ezininzi, ukungena ebukumkanini bukaThixo.

23. Bathe ke bakuba benyule amadoda amakhulu kwibandla ngebandla, bethandazile kunye nokuzila ukudla, bawayaleza eNkosini awayekholwe kuyo.

24. Betyhutyhe elasePisidi, bafika kwelasePamfili.

25. Bathi, belithethile ilizwi ePerga, behla baya kwa-Atali.

26. Besuka khona apho ngomkhombe, baya kwa-Antiyokwe, apho babenikelwe khona elubabalweni lukaThixo, ukuba baye emsebenzini, lo ke bawufezileyo.

27. Befikile ke, balihlanganisa ibandla, balibikela oko zingako izinto awazenzayo uThixo enabo, nokokuba iintlanga wazivulela ucango lokholo.

28. Balíbala ke khona apho ixesha elingelincinane, ndawonye nabafundi.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 14