Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 14:2-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Asuka ke wona amaYuda angavumiyo ukuva, ayenza yamibi imiphefumlo yabeentlanga ngakubo abazalwana.

3. Balíbala ke ngoko ixesha elaneleyo, bethetha ngokungafihlisiyo ngeNkosi, eyalingqinelayo ilizwi lobabalo lwayo, inika nokuba kwenzeke imiqondiso nezimanga ngezandla zabo.

4. Yahlulelana ke inkoliso yomzi; inxenye yangakumaYuda, inxenye yangakubapostile.

5. Bathe ke, bakubon' ukuba abeentlanga nabangamaYuda, kunye nabaphathi bawo, bangxamele ukubaphatha kakubi, babagibisele ngamatye:

6. bakúqiqa oko bona, basabela emizini yelaseLikawoni, iListra neDerbhe, nakuloo mimandla;

7. baye bezishumayela nalapho iindaba ezilungileyo.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 14