Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 13:9-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ke kaloku uSawule, okwanguPawulos, ezele nguMoya oyiNgcwele, wamjonga, wathi,

10. Wena uzeleyo yiyo yonke inkohliso, nabubo bonke ubutshijolo, nyanandini woMtyholi, lutshabandini lobulungisa bonke, akuyi kupheza na ukuzijika iindlela ezithe tye zeNkosi?

11. Uyabona, nangoku isandla seNkosi siphezu kwakho; ùya kuba yimfama, kube mzuzu ungaliboni ilanga.Kwalapho ke wawelwa lurhatyazo nobumnyama; wayephamzela, efuna abangamrhola ngesandla.

12. Lithe ke ibamba, lakukubona oko kwenzekileyo, lakholwa, likhwankqisiwe yiyo imfundiso yeNkosi.

13. Ke kaloku, bakunduluka ngomkhombe ePafo abo babenoPawulos, beza ePerga yelasePamfili. Wahlukana ke nabo uYohane, wabuyela eYerusalem.

14. Bendulukile ke bona ePerga, batyhutyha beza kufika kwa-Antiyokwe kwelasePisidi. Bangena endlwini yesikhungu ngomhla wesabatha, bahlala phantsi.

15. Ke kaloku, emva kokuleswa komthetho nabaprofeti, abaphathi bendlu yesikhungu bathumela kubo besithi, Madoda, bazalwana, ukuba ninelizwi lokuvuselela abantu, thethani.

16. Usukile ke uPawulos, wawangawangisa ngesandla, wathi:Madoda, maSirayeli, nani nimoyikayo uThixo, phulaphulani.

17. UThixo waba bantu amaSirayeli wabanyula oobawo bethu, wabaphakamisa abantu ekuphambukeleni kwabo emhlabeni waseYiputa, wabakhupha kuwo ngengalo ephakamileyo.

18. Wathi ngexesha eliyiminyaka engathi imashumi mané, wayithwala imikhwa yabo entlango;

19. wathi akuwisa iintlanga ezisixhenxe emhlabeni wakwaKanan, wababela umhlaba wazo ngeqashiso.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 13