Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 13:45-52 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

45. Ke kaloku amaYuda, akuzibona izihlwele, azala ngumona, aziphika izinto ezibe zithethwa nguPawulos, aphika enyelisa.

46. Bathetha ke ngokungafihlisiyo uPawulos noBharnabhas, bathi, Bekufuneka ukuba lithethwe kuni kuqala ilizwi likaThixo; ekubeni ke niligibile, nazigweba ukuba anibufanele ubomi obungunaphakade, niyabona, sibheka kuzo iintlanga.

47. Kuba isiwisele umthetho ngokunjalo iNkosi, yathi,Ndikubekile ukuba ube lukhanyiselo lweentlanga,Ukuze ube ngowosindiso, kude kuse ekupheleni kwehlabathi.(UIsaya 49:6)

48. Bakuva ke oko abeentlanga, bavuya, balizukisa ilizwi leNkosi, bakholwa bonke ababemiselwe ubomi obungunaphakade.

49. Laye ke ilizwi leNkosi lihanjiswa kulo lonke ilizwe elo.

50. Ke kaloku amaYuda abaxhokonxa abafazi ababehlonela uThixo, ababekekileyo, nabaninimzi; abaxhoxhela intshutshiso ooPawulos noBharnabhas, abakhupha emideni yawo.

51. Bathe ke bona bawavuthululela uthuli lweenyawo zabo, beza eIkoniyo.

52. Baye ke abafundi bezaliswe luvuyo nanguMoya oyiNgcwele.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 13