Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 13:37-52 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

37. ke yena owavuswayo nguThixo, akabonanga kubola.

38. Makwazeke ngoko kuni, madoda, bazalwana, ukuba ngaye lowo kúxelwa kuni uxolelo lwezono;

39. nakuzo zonke izinto ebeningenako ukugwetyelwa nikhululeke kuzo ngomthetho kaMoses, bonke abakholwayo bayagwetyelwa ngaye yena lowo.

40. Lumkani ke ngoko, ningafikelwa koko kuthethiweyo ebaprofetini, kusithiwa,

41. Bonani, nina badeli, nimangaliswe, nithi shwaka;Ngokuba mna ndisebenza umsebenzi ngemihla yenu,Umsebenzi eningasayi kukholwa kuwo, nokuba kukho othi anicacisele.(UHabh. 1:5)

42. Ke kaloku, akubon' ukuba ayaphuma amaYuda endlwini yesikhungu, babongoza abeentlanga, ukuba la mazwi athethwe kubo ngesabatha ezayo.

43. Sakubon' ukuba ke sichithakele isikhungu, into eninzi yamaYuda neyabangene ebuYudeni, abamhlonelayo uThixo, yabalandela ooPawulos noBharnabhas; abathi bona, bethetha kubo, babeyisela ekuthini, mabahlale behleli elubabalweni lukaThixo.

44. Kuthe ke ngelandelayo isabatha, waphantsa ukuhlanganisana umzi wonke, ukuba ulive ilizwi likaThixo.

45. Ke kaloku amaYuda, akuzibona izihlwele, azala ngumona, aziphika izinto ezibe zithethwa nguPawulos, aphika enyelisa.

46. Bathetha ke ngokungafihlisiyo uPawulos noBharnabhas, bathi, Bekufuneka ukuba lithethwe kuni kuqala ilizwi likaThixo; ekubeni ke niligibile, nazigweba ukuba anibufanele ubomi obungunaphakade, niyabona, sibheka kuzo iintlanga.

47. Kuba isiwisele umthetho ngokunjalo iNkosi, yathi,Ndikubekile ukuba ube lukhanyiselo lweentlanga,Ukuze ube ngowosindiso, kude kuse ekupheleni kwehlabathi.(UIsaya 49:6)

48. Bakuva ke oko abeentlanga, bavuya, balizukisa ilizwi leNkosi, bakholwa bonke ababemiselwe ubomi obungunaphakade.

49. Laye ke ilizwi leNkosi lihanjiswa kulo lonke ilizwe elo.

50. Ke kaloku amaYuda abaxhokonxa abafazi ababehlonela uThixo, ababekekileyo, nabaninimzi; abaxhoxhela intshutshiso ooPawulos noBharnabhas, abakhupha emideni yawo.

51. Bathe ke bona bawavuthululela uthuli lweenyawo zabo, beza eIkoniyo.

52. Baye ke abafundi bezaliswe luvuyo nanguMoya oyiNgcwele.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 13