Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 13:31-41 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. Yena lowo wabonwa imihla emininzi ngabo babenyuke naye, bevela kwelaseGalili besiya eYerusalem; ngabo ke abangamangqina akhe ebantwini.

32. Nathi sinishumayeza iindaba ezilungileyo zedinga elo labakho koobawo bethu,

33. zokokuba uThixo ulizalisile lona kuthi, bantwana babo, ngokumvusa uYesu; njengokuba nakwiNdumiso yesibini kubhaliwe kwathiwa, Wena unguNyana wam, ndikuzele mna namhla.

34. Malunga ke nokumvusa kwakhe kwabafileyo, angabi sabuyela ekuboleni, uselethe ukuthetha, Ndiya kuninika iinceba eziqinisekileyo zikaDavide.

35. Kungoko athi nakwenye iNdumiso, Akuyi kumyekela oyiNgcwele wakho ukuba abone ukubola.

36. Kuba uDavide okunene, akuba elisebenzele kwesakhe isizukulwana icebo likaThixo, walala ubuthongo, wabekwa kooyise, wakúbona ukubola;

37. ke yena owavuswayo nguThixo, akabonanga kubola.

38. Makwazeke ngoko kuni, madoda, bazalwana, ukuba ngaye lowo kúxelwa kuni uxolelo lwezono;

39. nakuzo zonke izinto ebeningenako ukugwetyelwa nikhululeke kuzo ngomthetho kaMoses, bonke abakholwayo bayagwetyelwa ngaye yena lowo.

40. Lumkani ke ngoko, ningafikelwa koko kuthethiweyo ebaprofetini, kusithiwa,

41. Bonani, nina badeli, nimangaliswe, nithi shwaka;Ngokuba mna ndisebenza umsebenzi ngemihla yenu,Umsebenzi eningasayi kukholwa kuwo, nokuba kukho othi anicacisele.(UHabh. 1:5)

funda isahluko epheleleyo Izenzo 13