Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 13:30-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. Uthe ke uThixo wamvusa kwabafileyo,

31. Yena lowo wabonwa imihla emininzi ngabo babenyuke naye, bevela kwelaseGalili besiya eYerusalem; ngabo ke abangamangqina akhe ebantwini.

32. Nathi sinishumayeza iindaba ezilungileyo zedinga elo labakho koobawo bethu,

33. zokokuba uThixo ulizalisile lona kuthi, bantwana babo, ngokumvusa uYesu; njengokuba nakwiNdumiso yesibini kubhaliwe kwathiwa, Wena unguNyana wam, ndikuzele mna namhla.

34. Malunga ke nokumvusa kwakhe kwabafileyo, angabi sabuyela ekuboleni, uselethe ukuthetha, Ndiya kuninika iinceba eziqinisekileyo zikaDavide.

35. Kungoko athi nakwenye iNdumiso, Akuyi kumyekela oyiNgcwele wakho ukuba abone ukubola.

36. Kuba uDavide okunene, akuba elisebenzele kwesakhe isizukulwana icebo likaThixo, walala ubuthongo, wabekwa kooyise, wakúbona ukubola;

37. ke yena owavuswayo nguThixo, akabonanga kubola.

38. Makwazeke ngoko kuni, madoda, bazalwana, ukuba ngaye lowo kúxelwa kuni uxolelo lwezono;

39. nakuzo zonke izinto ebeningenako ukugwetyelwa nikhululeke kuzo ngomthetho kaMoses, bonke abakholwayo bayagwetyelwa ngaye yena lowo.

40. Lumkani ke ngoko, ningafikelwa koko kuthethiweyo ebaprofetini, kusithiwa,

41. Bonani, nina badeli, nimangaliswe, nithi shwaka;Ngokuba mna ndisebenza umsebenzi ngemihla yenu,Umsebenzi eningasayi kukholwa kuwo, nokuba kukho othi anicacisele.(UHabh. 1:5)

42. Ke kaloku, akubon' ukuba ayaphuma amaYuda endlwini yesikhungu, babongoza abeentlanga, ukuba la mazwi athethwe kubo ngesabatha ezayo.

43. Sakubon' ukuba ke sichithakele isikhungu, into eninzi yamaYuda neyabangene ebuYudeni, abamhlonelayo uThixo, yabalandela ooPawulos noBharnabhas; abathi bona, bethetha kubo, babeyisela ekuthini, mabahlale behleli elubabalweni lukaThixo.

44. Kuthe ke ngelandelayo isabatha, waphantsa ukuhlanganisana umzi wonke, ukuba ulive ilizwi likaThixo.

45. Ke kaloku amaYuda, akuzibona izihlwele, azala ngumona, aziphika izinto ezibe zithethwa nguPawulos, aphika enyelisa.

46. Bathetha ke ngokungafihlisiyo uPawulos noBharnabhas, bathi, Bekufuneka ukuba lithethwe kuni kuqala ilizwi likaThixo; ekubeni ke niligibile, nazigweba ukuba anibufanele ubomi obungunaphakade, niyabona, sibheka kuzo iintlanga.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 13