Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 12:1-2-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1-2. Ke kaloku, ngelo xesha uHerode ukumkani wabesa izandla abathile balo ibandla, ukuba abaphathe kakubi; wambulala ke uYakobi, umzalwana kaYohane, ngekrele.

3. Wathi, akubona ukuba oko kuwakholisile amaYuda, waqokela ngokubamba noPetros (yaye ke iyimihla yezonka ezingenagwele leyo).

4. Akuba ke embambile, wamfaka entolongweni, wamnikela kumaqela amané amasoldati angamané, ukuba amgcine; engxamele ukuze emveni kwepasika* amkhuphe, amse ebantwini.

5. Wagcinwa ngoko okunene uPetros entolongweni; ke kwathandazwa libandla ngenyameko kuThixo ngenxa yakhe.

6. Xa ke uHerode wayeza kumkhupha, uPetros ngobo busuku wayelele phakathi kwamasoldati amabini, ekhonkxiwe ngemixokelelwane emibini; baye nabalindi beyigcinile intolongo phambi kwesango.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 12