Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 11:17-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Ukuba ngoko uThixo wabapha isipho esingangeso wasiphayo nathi thina sakholwayo eNkosini uYesu Kristu, mna ke bendingubani na, ukuba ndide ndibe nako ukumthintela uThixo?

18. Bakuziva ke ezo zinto, bathi cwaka, bamzukisa uThixo, besithi, Kanti na ke neentlanga ezi uThixo uziphe ukuguqukela ebomini.

19. Abaya ke ngoko, bàbeziintsali ngembandezelo eyabakho ngoStefano, batyhutyha ilizwe, bada beza kwelaseFenike, naseSipro, nakwa-Antiyokwe, bengalithethi bantwini bambi, belithetha kumaYuda odwa.

20. Yaye ke inxenye kubo ingamadoda aseSipro naseKirene; eyathi yona yakufika kwa-Antiyokwe, yathetha kwawesiGrike amaYuda, ishumayela iindaba ezilungileyo zeNkosi uYesu.

21. Saye ke isandla seNkosi sinawo, kanjalo kwakholwa inani elikhulu, labuyela eNkosini.

22. Lwavakala ke udaba lwabo ezindlebeni zebandla laseYerusalem; bakhupha uBharnabhas, ukuba ahambe, ade aye kufika kwa-Antiyokwe;

23. othe akufika, walubona ubabalo lukaThixo, wavuya, wabavuselela bonke, ukuba bathi ngengqibo yentliziyo bahlale bethe nca eNkosini.

24. Ngokuba ebeyindoda elungileyo, ezele nguMoya oyiNgcwele nalukholo. Kongezelelwa eNkosini inani elaneleyo.

25. Wemka ke uBharnabhas, waya eTarso, esiya kufuna uSawule;

26. wathi akuba emfumene, wamsa kwa-Antiyokwe. Kwathi ke, umnyaka uphela, bahlangana nebandla, bafundisa inani elaneleyo. Kananjalo abafundi baqala ukubizwa ukuba ngamaKristu kwa-Antiyokwe.

27. Ke kaloku ngaloo mihla, kwehla abaprofeti, besuka eYerusalem, beza kwa-Antiyokwe.

28. Kwesuka ke omnye wabo, ogama linguAgabho, waqondisa ngaye uMoya ukuba kuza kubakho indlala enkulu kulo lonke elimiweyo; eyabakho ke ngemihla kaKlawudiyo Kesare.*

29. Kubo ke abafundi, njengoko uthile ebenabo ubutyebi, wathi elowo kubo wagqiba ukuthumela into yokubanceda abazalwana ababemi kwelamaYuda;

30. abathe bakwenza nokukwenza, bathumela kuwo amadoda amakhulu ngesandla sikaBharnabhas noSawule.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 11