Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 11:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, abapostile nabazalwana ababekwelakwaYuda beva ukuba nazo iintlanga zilamkele ilizwi likaThixo.

2. Uthe ke uPetros akuba enyuke waya eYerusalem, babambana naye abolwaluko, besithi,

3. Ùye wangena kumadoda angalukileyo, wadla nawo.

4. Waqala ke uPetros wabatyhilela ngokucacileyo, esithi,

5. Mna ndandisemzini oyiYopa ndithandaza; ndabona ethongweni umbono, kusihla isitya esithile, ngathi yilinen enkulu, ithotywa ezulwini ngamasondo omané, yada yaza kufika kum;

6. endithe ndakuqwalasela kuyo, ndaqiqa, ndabona izinto zomhlaba ezizitho ziné, namarhamncwa, nezinambuzane, neentaka zezulu.

7. Ndeva ke izwi lisithi kum, Vuka, Petros, xhela udle.

8. Ndithe ke mna, Nakanye, Nkosi; ngokuba yonke into eyinqambi, nokuba yengcolileyo, ayizanga ingene emlonyeni wam.

9. Landiphendula ke ilizwi okwesibini, liphuma ezulwini, lathi, Izinto azihlambululeyo uThixo, musa ukuzenza iinqambi wena.

10. Oku ke kwabakho kathathu; zaza zonke ezo zinto zabuya zarholelwa ezulwini.

11. Gqi! kwaoko amadoda amathathu, ema ngasendlwini ebendikuyo, esuswe eKesareya ukuba eze kum.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 11