Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 10:44-48 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

44. Uthe akubon' ukuba usawathetha uPetros la mazwi, wasuka wabawèla uMoya oyiNgcwele bonke ababeliva ilizwi.

45. Amangaliswa amakholwa olwaluko onke abeze noPetros; ngokuba isipho soMoya oyiNgcwele sathululwa naphezu kweentlanga;

46. kuba aziva zithetha ngalwimi zimbi, zimenza mkhulu uThixo.Wandula waphendula uPetros wathi,

47. Kukho unako yini na ukuthintela amanzi, ukuba bangàbhaptizwa aba bamamkeleyo uMoya oyiNgcwele, kwanjengathi nje?

48. Wamisa ukuthi mababhaptizwe egameni leNkosi. Baza bamcela ukuba akhe ahlale iintsuku ezithile.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 10