Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 10:3-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Yabona embonweni kakuhle, malunga nelixa lesithoba lemini, kufika kuyo isithunywa sikaThixo, sisithi kuyo, Hina, Korneli!

4. Eqwalasele ke kuso, wangenelwa kukoyika, wathi, Yintoni na, Nkosi? Sithe ke kuye, Imithandazo yakho namalizo akho anyukile, aba sisikhumbuzo emehlweni kaThixo.

5. Susa kwangoku amadoda, aye eYopa, ubize eze uSimon, ogama limbi linguPetros; yena ulundwendwe lukaSimon,

6. umsuki wezikhumba, ondlu ingaselwandle; yena lowo úya kukuxelela into omelwe kukuyenza.

7. Ke kaloku, sakuba simkile isithunywa eso besithetha noKorneli, wabiza zazibini kwizicaka zakhe zasendlwini, nesoldati elimhlonelayo uThixo kwabehlala ehleli naye;

8. waza, ebacacisele zonke iindawo, wabathuma eYopa.

9. Ke kaloku ngengomso, bakubon' ukuba basendleleni bona, besondela kuwo umzi, wenyuka uPetros, waya phezu kwendlu, malunga nelixa lesithandathu, ukuba athandaze.

10. Wesuka ke walamba kakhulu, wanga angakhe afumane into edliwayo; kuthe ke, bakubon' ukuba ke bayamlungisela, wawelwa lithongo:

11. wabona izulu livulekile, kusihla phezu kwakhe sitya sithile, ngathi yilinen enkulu ebotshwe kumasondo omané, sithotyelwa emhlabeni;

12. ekwaye kukho kuso zonke izinto zomhlaba ezizitho ziné, namarhamncwa, nezinambuzane, neentaka zezulu.

13. Kwabakho izwi lisithi kuye, Vuka, Petros, xhela udle.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 10