Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 10:26-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Uthe ke uPetros wamvusa, esithi, Phakama; nam ngokwam ndingumntu.

27. Wangena encokola naye, wabafumana bebuthelene bebaninzi.

28. Kananjalo wathi kubo, Niyazi kakuhle nina, ukuba akusesikweni ukuthi indoda engumYuda inamathele isondele kowolunye uhlanga; mna ke uThixo undibonisile, ukuba ndingàbizi mntu ngokuthi uyinqambi, ungongcolileyo.

29. Kungoko ke ndizileyo ndingaphikanga ndakubizwa. Ndizile ke; ndiyabuza ngoko, ukuba nindibize ngandawoni na?

30. UKorneli wathi, Kuse kuntsuku né ndizila ukudla, kwada kwaleli lixa lemini. Ngelixa lesithoba ke bendithandaza endlwini yam, kwesuka kwathi gqi indoda, yema phambi kwam, inengubo eqaqambileyo; yathi,

31. Korneli, umthandazo wakho uviwe, namalizo akho akhunjulwe phambi koThixo; thumela ngoko eYopa,

32. ubize eze uSimon, ogama limbi linguPetros; lowo ulundwendwe endlwini kaSimon, umsuki wezikhumba, ngaselwandle; oya kuthi akufika athethe nawe.

33. Ndathumela ngoko kuwe kwaoko; nawe utyaphile ufike. Kaloku ngoko sikho thina sonke emehlweni kaThixo, ukuze sizive zonke izinto ozimiselweyo nguThixo.

34. Ke kaloku uPetros wawuvula umlomo wakhe wathi, Ndiyaqiqa okwenyaniso ukuba uThixo akamkhethi wabuso bamntu;

35. kwiintlanga zonke, lowo umoyikayo, asebenze ubulungisa, wamkelekile kuye.

36. Ilizwi elo walithumelayo koonyana bakaSirayeli, eshumayela iindaba ezilungileyo zoxolo ngoYesu Kristu (nguye iNkosi yabo bonke),

37. nina niyalazi ilizwi elenzekayo kulo lonke elakwaYuda, liqalela kwelaseGalili, emva kobhaptizo awaluvakalisayo uYohane:

38. okokuba uThixo wamthambisa ngoMoya oyiNgcwele nangamandla uYesu waseNazarete, owagqiba ilizwe esîza, ephilisa bonke abaxinzelelweyo nguye uMtyholi; ngokuba uThixo ubenaye.

39. Thina singamangqina ezinto zonke awazenzayo ezweni lamaYuda, kwanaseYerusalem; abamsikáyo ngokumxhoma emthini.

40. Yena lowo uThixo wamvusa ngomhla wesithathu, wenza ukuba abonakale,

41. kungekubo abantu bonke, kukumangqina abenyuliwe ngenxa engaphambili nguThixo: kuthi thina, sadlayo saselayo naye emveni kokuvuka kwakhe kwabafileyo.

42. Wasithethela ngelithi, masivakalise ebantwini, siqononondise ukuba yena nguye omisiweyo nguThixo, ukuba abe ngumgwebi wabaphilileyo nabafileyo.

43. Bonke abaprofeti bayamngqinela yena lo, ukuba, ngegama lakhe, bamkeliswa uxolelo lwezono bonke abakholwayo kuye.

44. Uthe akubon' ukuba usawathetha uPetros la mazwi, wasuka wabawèla uMoya oyiNgcwele bonke ababeliva ilizwi.

45. Amangaliswa amakholwa olwaluko onke abeze noPetros; ngokuba isipho soMoya oyiNgcwele sathululwa naphezu kweentlanga;

46. kuba aziva zithetha ngalwimi zimbi, zimenza mkhulu uThixo.Wandula waphendula uPetros wathi,

funda isahluko epheleleyo Izenzo 10