Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 10:25-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Kwathi ke, xa angenayo uPetros, uKorneli wamhlangabeza, wawa ezinyaweni zakhe, waqubuda kuye.

26. Uthe ke uPetros wamvusa, esithi, Phakama; nam ngokwam ndingumntu.

27. Wangena encokola naye, wabafumana bebuthelene bebaninzi.

28. Kananjalo wathi kubo, Niyazi kakuhle nina, ukuba akusesikweni ukuthi indoda engumYuda inamathele isondele kowolunye uhlanga; mna ke uThixo undibonisile, ukuba ndingàbizi mntu ngokuthi uyinqambi, ungongcolileyo.

29. Kungoko ke ndizileyo ndingaphikanga ndakubizwa. Ndizile ke; ndiyabuza ngoko, ukuba nindibize ngandawoni na?

30. UKorneli wathi, Kuse kuntsuku né ndizila ukudla, kwada kwaleli lixa lemini. Ngelixa lesithoba ke bendithandaza endlwini yam, kwesuka kwathi gqi indoda, yema phambi kwam, inengubo eqaqambileyo; yathi,

31. Korneli, umthandazo wakho uviwe, namalizo akho akhunjulwe phambi koThixo; thumela ngoko eYopa,

32. ubize eze uSimon, ogama limbi linguPetros; lowo ulundwendwe endlwini kaSimon, umsuki wezikhumba, ngaselwandle; oya kuthi akufika athethe nawe.

33. Ndathumela ngoko kuwe kwaoko; nawe utyaphile ufike. Kaloku ngoko sikho thina sonke emehlweni kaThixo, ukuze sizive zonke izinto ozimiselweyo nguThixo.

34. Ke kaloku uPetros wawuvula umlomo wakhe wathi, Ndiyaqiqa okwenyaniso ukuba uThixo akamkhethi wabuso bamntu;

35. kwiintlanga zonke, lowo umoyikayo, asebenze ubulungisa, wamkelekile kuye.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 10