Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 10:22-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Athe ke wona, UKorneli umthetheli-khulu, indoda elilungisa, emoyikayo uThixo, kanjalo engqinelwe ukulunga lulo lonke uhlanga lwamaYuda, uhlatyelwe sisithunywa esingcwele ukuba akubize, uze endlwini yakhe, eve amazwi kuwe.

23. Wawabizela phakathi ngoko, aba lundwendwe lwakhe.Ke kaloku ngengomso, uPetros wemka nawo, nabazalwana abathile baseYopa bahamba naye.

24. Baza ngengomsomnye bangena eKesareya. Waye ke uKorneli ebalindile; wayebizele ndawonye imizalwane yakhe, nezihlobo zakhe ezibuhlungu.

25. Kwathi ke, xa angenayo uPetros, uKorneli wamhlangabeza, wawa ezinyaweni zakhe, waqubuda kuye.

26. Uthe ke uPetros wamvusa, esithi, Phakama; nam ngokwam ndingumntu.

27. Wangena encokola naye, wabafumana bebuthelene bebaninzi.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 10