Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 10:10-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Wesuka ke walamba kakhulu, wanga angakhe afumane into edliwayo; kuthe ke, bakubon' ukuba ke bayamlungisela, wawelwa lithongo:

11. wabona izulu livulekile, kusihla phezu kwakhe sitya sithile, ngathi yilinen enkulu ebotshwe kumasondo omané, sithotyelwa emhlabeni;

12. ekwaye kukho kuso zonke izinto zomhlaba ezizitho ziné, namarhamncwa, nezinambuzane, neentaka zezulu.

13. Kwabakho izwi lisithi kuye, Vuka, Petros, xhela udle.

14. Uthe ke uPetros, Nakanye, Nkosi; ngokuba yonke into eyinqambi, nokuba yengcolileyo, andizanga ndiyidle.

15. Laphinda izwi okwesibini lathi kuye, Izinto uThixo azihlambululeyo, musa ukuzenza inqambi wena.

16. Kwabakho ke oku kathathu; sabuya isitya eso senyuswa, sasiwa ezulwini.

17. Ke kaloku, xa uPetros wayethingaza ngaphakathi kwakhe, ukuba ungaba uyintoni na umbono lo awubonileyo, kwasuka kwathi gqi amadoda abethunyiwe evela kuKorneli, ebuza indlu kaSimon, emi esangweni;

18. akhwaza, ebuza ukuba uSimon, ogama limbi linguPetros, ulundwendwe apha na.

19. Ke kaloku, akubon' ukuba uPetros uyacinga ngawo umbono lowo, wathi uMoya kuye, Nanga amadoda amathathu ekufuna;

20. suka uhle, uhambe nawo, ungathandabuzi nento, ngokokuba athunywe ndim.

21. Wehla ke uPetros, waya kuwo amadoda abethunyiwe kuye evela kuKorneli, wathi, Niyabona, ndingulowo nimfunayo; ngumcimbi mni na enize ngawo?

22. Athe ke wona, UKorneli umthetheli-khulu, indoda elilungisa, emoyikayo uThixo, kanjalo engqinelwe ukulunga lulo lonke uhlanga lwamaYuda, uhlatyelwe sisithunywa esingcwele ukuba akubize, uze endlwini yakhe, eve amazwi kuwe.

23. Wawabizela phakathi ngoko, aba lundwendwe lwakhe.Ke kaloku ngengomso, uPetros wemka nawo, nabazalwana abathile baseYopa bahamba naye.

24. Baza ngengomsomnye bangena eKesareya. Waye ke uKorneli ebalindile; wayebizele ndawonye imizalwane yakhe, nezihlobo zakhe ezibuhlungu.

25. Kwathi ke, xa angenayo uPetros, uKorneli wamhlangabeza, wawa ezinyaweni zakhe, waqubuda kuye.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 10