Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 10:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, kwaye kukho eKesareya ndoda ithile, igama linguKorneli, umthetheli-khulu wasebuthweni lamasoldati ekuthiwa lelaseItali,

2. emhlonelayo, emoyikayo uThixo, kunye nayo yonke indlu yayo; ibaliza abantu kunene; kanjalo yayimana ikhunga kuThixo.

3. Yabona embonweni kakuhle, malunga nelixa lesithoba lemini, kufika kuyo isithunywa sikaThixo, sisithi kuyo, Hina, Korneli!

4. Eqwalasele ke kuso, wangenelwa kukoyika, wathi, Yintoni na, Nkosi? Sithe ke kuye, Imithandazo yakho namalizo akho anyukile, aba sisikhumbuzo emehlweni kaThixo.

5. Susa kwangoku amadoda, aye eYopa, ubize eze uSimon, ogama limbi linguPetros; yena ulundwendwe lukaSimon,

6. umsuki wezikhumba, ondlu ingaselwandle; yena lowo úya kukuxelela into omelwe kukuyenza.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 10