Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 1:23-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Bamisa mabini, uYosefu, okuthiwa nguBharsabhas, ogama limbi linguYusto, noMatiya.

24. Bathandaza bathi, Wena, Nkosi, Mazi weentliziyo zabo bonke, yalatha kwaba babini oyena umnyulileyo,

25. ukuba asithabathe isabelo solu lungiselelo nobupostile, awaphambukayo kubo uYuda, ukuze aye kweyakhe indawo.

26. Bawisa amaqashiso abo; lathi iqashiso laphuma noMatiya; wabalelwa ndawonye nabapostile* abalishumi elinamnye.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 1